




124 BONA XHOSA - Jne 1995





NGCAMLA INCASA YERAMA





IRAMA MARGARINE ilungele indlela oluqhuba ngayo usapho kwizinto ezahlukeneyo. Inamandla kuba yenziwe ngeeoyile ezicolekileyo zesunflower nezemifuno. Ezi ziioyile ezinamandla ziwunika umzimba iikilojoules eziphindwe kabini kunendlela ezenza ngayo iiprothini okanye iikhabhohidrethi. Abathengi mabakhumbule ukuba okuqatywayo okubizwa ngnokuba ziimedium fat spreads aziyo magarini kuba zinamanzi amaninzi, ioyile ezinayo incinane kunaleyo ikwimagarini. Ngenxa yoku azinaso isondlo, zingenaso nesixa esifanayo samandla. Ukusebenzisa iRAMA ekuphekeni nasekubhakeni akusoze kuphucule incasa, indlela okuphekwe ngayo nebala lokutya kodwa kuza kukugcina kukutsha ithuba elide

IISUPER CRUMPETS
Zilungele ixesha leti mhla liqhaqhazelis'amazinyo, zama le resipi elula yecrumpet yakwaRAMA enokuphekwa esitovini.
260g (500m1) yeflawa
5m1 yebicarbonate of soda
5ml yebaking powder
5m1 yetyuwa
12,5m1 yeswekile
2 amaqanda
500m1 yebuttermilk
25g (25m1) yeRAMA, inyityilikiswe
1. Sefa iflawa, ibicarbonate of soda, ibaking powder netyuwa.
2. Qhuqha iswekile namaqanda, galela IRAMA enyityilikisiweyo nebuttermilk. Galela kwizithako ezomileyo.
3. Galela ngecephe kwimbiza eshushu eqatywe amafutha. Izitya ziqabe amafutha kube kanye.
4. Iicrumpets ziphethule ngesiphethuli-qanda xa kuvileka amaqampuzana ngaphezulu. Amacala wayeke abe mdaka ngebala.
Baphe neRAMA. Unokwenza ama-20 eecrumpets. Le resipi inokuphindwa kabini.

ICHILLI LAMB STIR FRY
1. Nyibilikisa IRAMA embizeni esesitovini. Qhotsa iitshilisi, ipaprika, inyama yegusha netswele imizuzu emi-3 ukuya kwemi-4
2. Galela izithako eziseleyo, bilisa, pheka imizuzu esi-8 ukuya kweli-10. Baphe nomqa onetshizi okanye isavoury bread.
Yanela malunga nabangama-20.



ISAVOURY RICE

2 amatswele aphakathi ngobukhulu,
anqunqwe
150g yeRAMA (150m1)
lkg yerayisi
3 iichicken stock cubes
1,500m1 yamanzi abilayo
750m1 yomxube wemifuno
ekhenkciweyo
1. Qhotsa itswele kwiRAMA de lithambe
2.Galela irayisi, zamisa de ixubeke neRAMA.
3. Nyibilikisa iichicken stock cubes
emanzini abilayo.
4. Galela umhluzi wenyama yenkuku,
ubilise. Ntyontyisa ama-30 emizuzu.
5. Galela umxube wemifuno, pheka
eminye imizuzu eli-10 okanye de imifuno
ivuthwe utshe umhluzi.



- LE Rama Easy-to-Cook Book entsha iqulunqwe
ngabakwaRama Test Kitchen. Le ncwadi inamaphepha angama-56 ineeresipi ezivuzis'izinkcwe nezilula zesidlo sakusasa, esasemini nesangokuhlwa, ikwanezilebelo ezikhethekileyo ezinik' amandla nezinezondlo. Landela imifanekiso nemiyalelo yenyathelo ngenyathelo. Resipi
kangangokuba nkqu abantwana notat'ekhaya banokuzizama ngaphandle kokuncedwa ngumama. Zalisa ikhuphoni, yithumele kunye netsheki okanye
iposoda ye-R12 kule dilesi: Rama Easy-to-Cook Book Offer, P.O. Box 1091, Durban, 4000.


126 BONA XHOSA -JUNE  1995


PHUCULA INDLELA OPHEKA
NGAYO NGOKUSEBENZISA
IROBERTSONS SPICES



Kuyamangalisa okwenziwa zizinongo zakwaROBERTSONS kwindlela opheka ngayo! Nkqu nokutya okungavuzisi zincwe kuba nencasa xa kuthiwe chatha esinye sezi zinongo zinomahluko!

ISAMP AND BEAN STEW (UMNGQUSHO)

250g yeembotyi, zihlaliswe emanzini ubusuku bonke
500g yomngqusho, uhlaliswe emanzini ubusuku bonke
lkg yenyama yegusha yesityu, inqunqwe ibe ziibloko 60m1 yeoyile amatswele amathathu, anqunqisisiweyo iitumato ezine, zichutywe kwaye zinqunqisiswe l0ml yeROBERTSON steak and chops spice
ityuwa nepepile zokwenza incasa
1. Hlamba iimbotyi nomngqusho, uzigqume ngamanzi abilayo wandule ukuzipheka. Mana uzamisa usongeza amanzi xa kuyimfuneko. Galela ityuwa. 2. Qhotsa inyama kwioyile eshushu de ibe mdaka, galela itswele uliqhotse de lithambe.
3. Galela iitumato, isinongo, ityuwa ipepile namanzi ayogqume uyeke de kulunge.
4. Galela iimbotyi, umngqusho ophekiweyo namanzi anele ukwenza isuphu engqumbululu.
5. Kutyiwa nestiff-pap. Yanela abantu abalishumi. Le resiphu inokuphinda-phindwa.

IPEANUT AND CHICKEN STEW

1.5kg yamaqatha enyama yenkuku
60m1 yeoyile
IROBERTSONS chicken spice yokufafaza
amatswele amabini, anqunqiweyo
500m1 yamanzi
Inkonkxa yetomato puree'
2m1 yeROBERTSONS cayenne pepper
75g (125m1) yepeanut butter
iitapile ezintandathu, ezixotyuliweyo
zenziwa iikota
1. Hluza amafutha asenkukwini, usike
phakathi isifuba senkuku 2. Fafaza iROBERTSONS chicken spice enkukwini uyiqhotse ibe mdaka kwioyile eshushu, uyithathe uyibeke ecaleni. 3. Galela itswele, uliqhotse de lithambe.
4. Galela inyama yenkuku nezinye izithako ezishiyekileyo, uziyeke iitapile nepeanut butter. Kuyeke kubushushu obusezantsi malunga neyure kungenjalo de ibe buphekeka inkuku yakho.
5. Galela ipeanut butter neetapile. Kuyeke kubushushu obukwasezantsi kude kulunge umana usongeza amanzi xa kuyimfuneko. Konela abantu abalishumi. Le resiphi inokuphindwa-phindwa.

BEEF AND PUMPKIN STEW

lkg inyama yenkomo yesityu, yenziwe ibloko 60m1 yeoyile amatswele amabini, anqunqwe iitumato ezine, ezichutyiweyo zinqunqisiswe okanye kungenjalo sebenzisa inkonkxa ye-chopped tomatoes ityuwa nepepile zokongeza isongo 5m1 yeROBERTSONS steak and chops seasoning
500m1 yebeef stock (sebenzisa iistock cubes)
lkg yethanga, lenziwe iibloko 75g (125m!) yeshelled and ground raw peanuts
lbhantshi yespinatshi, sihlanjwe kwaye sinqunqisiswe
1. Hluza amafutha enyameni, uyinqunqe ibezizihlunwanaezincinci
2. Qhotsa inyama kwioyile eshushu, ugalele itswele, uwagcade ade athambe.
3. Galela iitumato, ityuwa nepepile, iROBERTSONS steak and chops spice kunye nestock. Kuyeke kuphekeke de
inyama ibe ngathi iyathamba. Mana uzamisa, ugalela namanzi xa kuyimfuneko.
4. Galela ithanga, ugqume ukuyeke kuphekeke isiqingatha seyure. 5. Galela isipinatshi nepeanut butter. Cutha umlilo uyeke kuphekeke umane usongeza amanzi xa kuyimfuneko. yonela abantu abalishumi Le resipi inokuphindwa-phindwa.

IGRILLED CHICKEN WITH HONEY BARBECUE SAUCE

15kg yenyama yenkuku
amatswele amabini, anqunqwe
amacwecwe amabini egalikhi,
atyunyuzwe
60m1 yeoyile
inkonkxa ye-tomato puree
250m1 yamanzi
15m1 yeworcestershire sauce
45m1 yobusi
lOml yeROBERTSONS barbecue spice
2m1 yecayenne pepper
ityuwa nepepile yokwenza isongo
1. Susa amanqatha enkukwini yakho,
usike amabele abe ziziqingatha.
2. Qhotsa itswele negalikhi kwioyile
eshushu de zithambe.
3. Galela izithako ezishiyekileyo upheke
kakuhle de umhluzi ube ngqumbululu.
4. Qaba le sosi kwinkuku yakho, uyifake eontini uyi-grile kungenjalo uyoje
emalahleni ashushu de ivuthwe. Mana uyiqaba le sosi.
Yonela abantu abalishumi. Le resiphi ingaphindwa-phindwa.








IPOTATO CHEESE AND HAM LOAF


128 BONA XHOSA - June 1995

OKUPHAMBILI OK UVELA
EMHLABENI



Iitapile ziyindlela enencasa nesempilweni yokuthoba amaxabiso okutya. Zivumelana nako nakuphi na ukutya ukongeza xa kuphekelwa abantu abaninzi. Ukusebenzisa iitapile esidlweni sakho kuqinisekisa ukuba usapho lwakho luyazifumana iikharbohodrate ekufumaneka kuzo amandla, ooVitamin B no C, i-iron nepotassium kunye necalcium konke oko kufumaneka kwiitapile. Zama ukuzitya iitapile zakho zingaxotyulwanga ukuze ufumane iiprothini nefibre ezongezelelekileyo.

ILAYERED POTATOE AND BACON BAKE

lkg (eziphakathi zibe lishumi) yeetapile, eziphekwe zingaxotyulwanga 125g yebacon, inqunqwe itswele elikhulu, linqunqwe igreen pepper, inqunqwe 250m1 (60g) yesoft breadcrumbs Amaqanda amane aphekisisiweyo, achutywe kwaye enziwe izilayi 50g yebhotolo okanye imagarini Xobula iitapile zakho uzisike izilayi. Qhotsa itswele nebacon de zibe mdaka, galela igreen pepper, upheke de zithambe. Qaba kancinci isitya opheka ngaso eontini. Qala ugalele iitapile zakho kumaleko wakho wokuqala, ulandelise ngomxube webacon, ugalele amaqanda neebreadcrumbs, uthi chatha intwana yebhotolo ngaphezulu.Yenza abanye oomaleko ugqibelisa ngeetapile, iibreadcrumbs nebhotolo. Sibekela isitya sakho ubhake kwionfi esele inobushushu obungama-200C imizuzu eli-15. Susa isiciko usibeke isitya sakho kwigriller esele ilayitiwe imizuzwana embalwa ukuze ibe mdaka.

EZINYE IINCASA

IMince beef, inkuku ebishiyekile ize inqunqwe okanye ivienna ezisikwe zazizilayi zinokusetyenziswa endaweni yebacon. Ukuba ngaba awufuni kube nanyama oku kutya sebenzisa endaweni yayo i100g (250m1)
yeCheddar cheese egreyithiweyo endaweni yenyama uze ugqibele kwangayo.

IPOTATOE AND PUMPKIN SOUP

500g yeetapile, zixotyulwe kwaye zenziwe iibloko
500g yethanga, lichutywe lenziwe iibloko
1 bayleaf
2 amacwecwe egalikhi zicujwe itswele, linqunqisiswe 15m1 yeoli
5m1 yetyuwa iground black pepper 3ml ground ginger
5m1 yekheri
3m1 yeturmeric
45m1 yelemon juice
ilitha yechicken stock (sebenzisa iistock cubes ezimbini)
Pheka iitapile nethanga emanzini azigqumayo de zithambe. Khupha amanzi uwabeke ecaleni, bonda iitapile nethanga ubuyisele la manzi ubuwakhuphile. Qhotsa ngokukhawuleza igalikhi netswele kwioli eshushu. Xuba ityuwa nezinongo uzigalele kwitswele wandule ukuzamisa upheke imizuzwana embalwa de zidibane zonke izithako. Galela umxube weetapile nethanga kancinci, uma
ne uzamisa kuzoxubeka kakuhle. Galela ichicken stock nelemon juice ukuyeke imizuzu elishumi. Unokuzongeza okanye uzinciphise izinongo xa kuyimfuneko.

ICURRIED CABBAGE

itswele elikhulu, linqunqisiswe 60m1 yeoyile itumato enkulu, ixotyulwe ize inqunqwe 5m1 yekheri
iminqathe emibini, ixotyulwe ize yenziwe izlayi
ikhaphetshu ephakathi, yenziwe ,zilayi ezibhityileyo
igreen pepper, inqunqwe iitapile ezine, zichutywe kwaye zisikwe zibe ziikota
ityuwa nepepile ukongeza isongo
 Kwipani enkulu elinesiciko nelibanzi, qhotsa kancinci itswele kwioyile eshushu lide libe mdaka. Galela ikheri uzamise upheke umzuzu. Galela itumato, igreen
pepper kunye neminqathe, upheke imizuzwana umane uzamisa. Galela ikhaphetshu, iitapile uhlanganise, gquma ipani lakho uliyeke ebushushwini kude okungaphakathi kuphekeke,


ISLICED POTATO FRITTERS

iitapile ezintandathu, eziphekwe zinamaxolo
60m1 yelemon juice
15m1 yecastor sugar
140g (250m1) yeflawa
3m1 yebaking powder intwana yetyuwa 125m1 yobisi iqanda eliqhuqhiweyo 15m1 yebhotolo enyibilikisiweyo kungenjalo imagarini ioli yokuqhotsa Xobula iitapile uzisike zibe zizilayi, zigalele kwilemon juice kwaye ufafaze icastor sugar. Sefa iflawa, ibaking powder kunye netyuwa, ugalele ubisi, amaqanda kunye nebhotolo. Galela iitapile kulo ntlama, uqhotse omabini amacala kwioli yakho de zibe mdaka.
500g yeetapile, ziphekwe, zibondwe
50g yebhotolo okanye imagarini
2 amaqanda amakhulu. abondwe
5m1 yebaking powder
5m1 yetyuwa
1ml yeground nutmeg
l ml yecayenne pepper
15m1 yeparsley enqunqiweyo
l00g (250ml) yecheddar cheese, igreyithwe
125g yeham ephekiweyo, inqunqisiswe
1. Xuba iitapile, ibhotolo namaqanda de
kube khaphukhaphu kube
mpakumpaku.
2. Galela ibaking powder, ityuwa,
izinongo neparsley, xubisisa.
3. Galela itshizi neham, xubisisa.
4. Lithambise amafutha kancinane ipani
yokubhaka ilofu, umxube wugalele
ngecephe bhaka kwionti oyenze
yashushu kwangaphambili yaku-180oC
ama-25 ukuya kuma-30 emizuzu de
kube nombala ogolide bumdaka.
5. Baphe kushushu okanye kubanda.








UKUTYA OKULUNGELE
ABADLAMKILEYO



130 BONA XHOSA - June 1995

Eyona nto kufumaneka kuyo amandla zikharbohidrate ezifana nezo zifumaneka kwipasta. Ipasta eneeprotini ezakha umzimba kwakunye neiron inamafutha neekilojoules ezincinane kwaye ayityebisi. Iikilojoules zinyuswa koko ukufake kwipasta. Nazi iiresipi ezikugcina usempilweni:


ICURRIED NOODLE SALAD

500g yeFattis & Monis Elbow Macaroni iDressing
250m1 yemayonnaise
15m1 yekheri l00ml yeseedless raisins
Inkonkxa yezilayi zeepesika, uhluze incindi uze uzinqunqe. Inkonkxa yezilayi zepayinapile itswele, linqunqwe igreen pepper, inqunqwe. Zipheke iinoodles zakho emanzini anetyiwa nabila kakhulu imizuzu eli-12 ukuya kweli-15. Khupha amanzi uzipholise emanzini etephu. Xuba izinto zokwenza idressing uze uzigalele ngaphezulu kwiinoodles zakho ngobunono. Xuba izithako izithako eziseleyo nomxube wakho weenoodles. Faka kwisikhenkcezi sakho kude kulungele ukuphakelwa abantu. Konela abathandathu ukuya kwabasibhozo.


ICHICKEN AMORE

300g yeFattis & Monis Screw Noodles
1,5kg yenkukhu
lml yethyme
250m1 yemayonnaise Iinkonkxa ezimbini zeFattis & Monis
Tomato & Chilli Sauce
15m1 yexolo lelamuni eligreyithiweyo
isi- 1/2 sered pepper, 5m1 yekheri
1 icwecwe legalikhi, licujwe
500g yebroccoli esanda kufakwa
emkhenceni
200g yeCheddar cheese
Pheka inkukhu yakho ngomphunga
wamanzana agalelwe i-1 ml yethyme. Susa inyama emathanjeni ulahle ufele. Faka inyama yakho yenkukhu esityeni esingonakaliyo xa sifakwe eontini. Hlanganisa isuphu yakho nemayonnaise, incindi yelamuni, ixolo lelamuni, ired pepper, ikheri kunye negalikhi. Wugalele lo mxube kwinkukhu yakho. Bilisa ibroccoli yakho emanzini abilayo imizuzu emihlanu. Chitha amanzi ususe iziqu zayo. Dibanisa ibroccoli leyo kumxube wakho wenkukhu. Faka eontini enobushushu obungama-1 80C imizuzu eli-15 ukuya kwengama-20. Pheka iFattis & Monis Screw Noodles kumanzi anetyiwa nabilayo imizuzu eli-10 ukuya kweli-15 nanjengoko kubhaliwe kwipakethi yazo. Khupha amanzi ugalele intwana yeoyile. Xa ulungiselela abantu, kwisitya esimcaba galela inoodles zakho, uzenze zibe sisangqa. Fumba umxube wenyama yenkukhu yakho ngaphakathi esangqeni. Sasaza itshizi egreyithiweyo ngaphezulu ufake eontini elayilwe umphezulu de ibe mdaka itshizi yakho.


IPASTA BADDOCK

(Ipasta eneBacon neHaddock) 250g Fattis & Monis Fusilli Plain
500g intlanzi yehaddock
750m1 yobisi
37,5m1 yebhotolo
250g yebacon engenasikhumba, enqunqwe yangamaqatha ayi- 2cm amatswele amabini 37,5ml yeflawa
500m1 yetshizi egteyithiweyo ityuwa nepepile ukongeza isongo 3m1 yenutmeg egreyithiweyo
50m1 yeparsley enqunqiweyo. Pheka iinoodles ngohlobo ekuchazwe ngalo epakethini zide zilunge, khupa amanzi uzibeke ecaleni. Yiba upheka intlanzi yakho elubisini de ivuthwe, yikhuphe uyibeke ecaleni ulugcine ubisi. Susa ufele ululahle. Qhotsa ibacon kwibhotolo eshushu de ivuthwe, kodwa ingabi kram-kram, uyisuse emlilweni uyigalele kwintlanzi yakho. Faka itswele kula mafutha ashiyeke epanini uliqhotse de lithambe. Zamisela ngaphakathi
iflawa upheke umzuzu. Mane uzamisela ubisi kuzokwenzeka isosi emhlophe engenazigaqa. Zamisela icheese kodwa ushiye engama 125m1 ozakuyigalela ngaphezulu xa sele ugqibile. Yiva incasa umane ufaka izinongo apho kukho imfuneko. Zamisela inutmeg neparsley. Hlanganisa isosi yakho emhlophe kunye neenoodles zakho eseziphekiwe, intlanzi kunye nebacon. Galela loo mxube kwisitya seonti uze ugalele itshizi ebishiyekile ngaphezulu. Bhaka kwionti esele inobushushu obungama 180C imizuzu engama 30.
Yonela abantu abane.

IPASTA MEAT LOAF

250g yeFattis & Moni Macaroni
125g yestreaky bacon, isuswe isikhumba inqunqisiswe
1 itswele, linqunqwe
25m1 yeoyile
500g yeminced beef ebhityileyo 175ml yemixed dried herbs 12,5m1 yetyuwa nepepile yokwenza incasa
25ml yeviniga
25m1 yeworcestershire sauce
2 amaqanda, aqhuqhwe
1. Pheka imacaroni ngokwemiyalelo ekwipakethe yayo de ivuthwe -ukhuphe amanzi uze uyigalele esityeni esikhulu sokuxubela.
2. Qhotsa ibacon netswele de ibacon ivuthwe malunga nemizuzu emine. Zigalele kwipasta.
3. Kwesinye isitya xuba imince, izinongo, ityuwa, ipepile, iviniga, iworcestershire sauce namaqanda. Galela kwipasta uze uxubisise.
4. Umxube wugalele esityeni sokubhaka ilofu yesonka esithanjisiweyo uze usifake embizeni enkulu enamanzi abilayo anyuka abe kwisiqingatha sesitya sokubhaka.
5. Bhaka kwionti eyenziwe shushu kwangaphambili yaku-180C imizuzu engama-60.
6. Yiyeke imizuzu engama-20 ngaphambi kokuba uyikhuphe. Yiphe abantu ishushu okanye ibanda isikwe izilayi kunye netomato sauce.














IIFLAWA EZIKWENZA UBHAKE
KAKUHLE LONK'IXESHA


AbakwaSASKO baneentlobo ngeentlobo zeeflawa ezilungele ukubhaka: baneCake Flour, iSelfRaising Flour, iBran Rich SelfRaising Flour, iBrown Bread Meal, iwholewheat Meal, iWhite Bread Flour, ngoku kukho neVitamin Enriched White Bread Flour. Xa ubhaka ngevitamin Enriched White Bread Flour incasa nendlela ebhaka ngayo ifana nje nezinye kodwa iivithamin ezibalulekileyo ezongezwe kuyo zinceda ekwakheni amazinyo namathambo awomeleleyo. Yinandipheni!

ITEA SCONES
Ionti yenze shushu ifike ku-200C (400F) lndawo yokubhaka: yiraki engentla kwesembindini
inani lawo: ali-12 engqingwa kangange 3,5cm
Iphepha lokubhaka: 26 x 37 x 2,Ocm
240g yeSASKO cake flour (500m1)
20m1 yebaking powder
2m1 yetyuwa
60g yemagarini (65m1)
25m1 yeswekile
iqanda elikhulu kakhulu
70-75m1 yobisi
. lzithako zokuqala ezithathu zisefe ndawonye ukuze kungene umoya. 2. imagarini yibhuqabhuqe ngencam yeminwe kwizithako ezomileyo de umxube ube yimvuthuluka entlakantlaka.
3. Qhuqha iqanda nobisi, linqunqele ngespatula kumxube weflawa ukuze ufumise umxube. Intlama mayithambe, kube lula ukuyiphatha, ingabi ncangathi. Ungayicinezeli kakhulu okanye uyixove. Ubukhaphukhaphu bemiqathane buxhomekeke kweli nqanaba.
4. Bhukuqa kwiplanga lentlama elifafazwe ngeflawa. Yicinezele intlama ngezandla okanye yiqengqe ngeFolling pin ukuze ibe ngqingqwa kangange-2cm.
5. Cinezela ngesibumbi-miqhathane (ibe yi-3,5 - 4cm ukwenzela imiqhathane yeti) yibeke kwiphepha lokubhaka elithanjisiweyo.
6. Umphezulu wemiqhathane wuqabe
ngobisi. Qiniseka ukuba akudyibhizi. Oku kusengabangela iziphumo ezingezihle xa inyuka.
7. Bhaka i-10 ukuya kwi-1 2 lemizuzu kwionti oyenze yashushu kwangaphambili (200C). 8. Kuyeke kuphole kwiraki yocingo.
9. Baphe netshizi egreyithiweyo okanye ijam nocwambu.
AMACEBISO: lzithako kufanele zibande.

IIHEALTHY SCONES
Ionti eyenziwe yashushu kwangaphambili: iku-200C (400F) lndawo yokubhaka: iraki engentla kwephakathi
Inani lazo: Zisi-8 eziyi-6cm ubungqingqwa lphepha lokubhaka: 26 x 37 x 2.0cm
260g yeSASKO bran self raising flour (500ml)
2m1 yetyuwa
25m1 yeswekile emdaka ngebala
60g yemagarini (65m1) iqanda elikhulu 100 - 1 l0ml yebuttermilk
1. Izithako ezomileyo zixube ndawonye ngesiqhuqhi-qanda.
2. Bhuqabhuqa imagarini ngencam yeminwe kwizithako ezomileyo de kuyileke intlama eyimvuthuluka. Xa uxova ziphakamise izandla ukuze kungene umoya.
3. Qhuqha iqanda nebuttermilk, lisike ngespatula uligalele kumxube weflawa ukuze ube manzi. Kuba ubukhaphukhaphu bemiqhathane buxhomekeke ekuxovweni kwentlama, zama ukuba ungayixovi kakhulu. 4. Yibhukuqe kwiplanga lokuxova intlama elifafazwe iflawa. Cinezela intlama ibe malunga ne-2cm ubungqingqwa. Usenokusebenzisa irolling pin.
5. Cinezela ngesisiki-mqhathane ukuze ibe yi-6cm ubungqingqwa.
6. Imiqhathane yifake kwiphepha lokubhaka elithanjisiweyo, dyobha ngobisi ukwenzela ibala. Qiniseka ngokungadyibhizi ubisi kwimiqhathane kuba oku kungabangela iziphumo ezingezihle.
7. Bhaka imizuzu eli-1 O ukuya kweli-12 kwionti eyenziwe yashushu kwangaphambili yaku-200C. 8. Kuyeke kuphole kwiraki yocingo.
9. Baphe netshizi egreyithiweyo, icottage cheese okanye ijam nocwambu.

ISTEW DUMPLING
120g yeCake flour yakwaSASKO(250m1) l0ml yebaking powder
3m1 yetyuwa 0.5m1 yered pepper l ml yemarjoram
Amagqabi amabini espinatshi, asuswe kwisikhondo anqunqwe (asibalulekanga)
elona qanda lakha lalikhulu 70m1 yamanzi
30m1 yeoyile
1. Sefa izithako ezomileyo zodwa ugalele ispinatshi.
2. Qhuqha iqanda, amanzi kunye neoyile ndaweni-nye uze udibanise nomxube wespinatshi noweflawa 3. Galela amacephe entlama yakho kuso nasiphi na isityu nakwisosi wandule ukugquma ngesiciko.
4. Ziyeke kumlilo osezantsi imizuzu eli-1 5, ungayivuli imbiza yakho.
5. Ungazivula ukuphela kwaloo mizuzu kuba ziyakube sezilungile. Ziphake ngoko nangoko.
Yenza amadombolo alishumi.

ICORN VETKOEK
UBUNGAKANAN1: kuphuma amagwinya ali-12
Qhotsa epanini: kwioyile eninzi
180g yecake flour yakwaSASKO (375m1)
15m1 yebaking powder
l0ml yeswekile
5m1 yetyuwa
elona qanda lakha lalikhulu
Inkonkxa yecreamed sweet crn
ioylle
1. Sefa izithako ezomileyo zodwa.
2. Qhuqha iqanda ugalele isweetcorn.
3. Galela izithako ezomileyo kumxube
wesweetcorn neqanda.
4. Galela icephe elizele intlama
kumafutha anobushushu obuphakathi.
5. Qhotsa ngokuzolileyo amagwinya
akho kuwo omabini amacala ade abe
bumdakarha.
6. Xa sele elungile, hluza amafutha
kwikitchen paper uwaphake eshushu.
ENYE INDLELA fafaza icinnamon sugar phezu kwamagwinya avuthiweyo. Anokutyiwa nenyama eyojiweyo.

Ukuze ufumane iinkcukacha ezibhekele phaya qhagamshelana nabakwaSAsKo kule nombolo ingahlawulelwayo 0800-
022000.



126 BONA XHOSA - June 1995

u

-- -_______.

132 BONA XHOSA - June 1995

